Ezra 6:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza baka abadala bama‐Juda, bahambiseka, ngokuprofitesha kuka‐Hagai umprofite no‐Zekariya unyana ka‐Hido. Baka ke, bafeza, ngomteto katixo wo‐Sirayeli, nangomteto ka‐Koreshe, noka‐Dariyusi, noka‐Aretashasheta ukumkani we‐Peresiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke amadoda amakhulu amaYuda akha, aphumelela ngokokuprofeta kukaHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo; akha ke agqiba, ngenxa yomthetho kaThixo kaSirayeli, nangenxa yomthetho wooKoreshi, noDariyo, noArtashashta, ookumkani basePersi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amadoda amakhulu amaYuda ayesakha yaye aqhubeka ephumelela ngomprofeti uHagayi noZekariya unyana kaIdo. Bakha baza bagqiba ngokomyalelo kaTHIXO kaSirayeli nangokomyalelo kaKoreshi noDariyo noArtashashta ukumkani wasePersi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amadoda amakhulu amaJuda aqhubela phambili ekwakheni, aba nenkqubela ephenjelelwa ziintshumayelo *zomshumayeli uHagayi noZakariya umzukulwana kaIdo. Bagqiba ke ukuyakha indlu leyo, ngokomyalelo kaThixo kaSirayeli ndawonye nemiyalelo kaKoreshi, uDariyo noAtashasta ookumkani basePeshiya.