Ezra 6:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abaperisite naba‐Levi bebezicokisile kwa kunye, bonke bebecocekile, baxe̔la ipasika ngenxa yalo lwonke usapo lwasekutinjweni, nangenxa yabazalwana balo abaperisite nangenxa yabo bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba babezihlambulule ababingeleli nabaLevi, njengamntu mnye, bahlambuluka bonke bephela; babaxhelela ipasika oonyana bonke basemfudusweni, nabazalwana babo ababingeleli, nabo ngokwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanjululwa ababingeleli nabaLevi ngandawonye, bahlambuluka bonke bephela, bawabingelela amabanjwa onke nabazalwana babo nababingeleli ngenxa yabo ngepasika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli kunye nabaLevi babezihlambulule befanelekile. AbaLevi babaxhelela ixhwane lePasika bonke abathinjwa ababuyileyo; ngokunjalo namawabo ababingeleli, nabo ngokwabo bazixhelela.