Ezra 6:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza lwatya usapo luka‐Sirayeli olube lubuyile ekutinjweni, nabo bonke abebezahlulele kulo ekunco̔leni kwabaheyideni belozwe, ukuba bamfune uyehova, utixo wo‐Sirayeli,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuye ekufudusweni, kwanabo bonke abazahlulayo ebunqambini beentlanga zelizwe, beza kubo ukuba bamquqele uYehova, uThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuyile ekuthinjweni nabo bonke ababezahlule kubunyhukunyhuku beentlanga zehlabathi besiya kufuna uYehova uThixo kaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke onke amaSirayeli abuyileyo alitya, ndawonye nabo bonke ababezahlule kwimikhwa engcolileyo yeentlanga ababemelene nazo, ukuze bafune *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.