Ezra 6:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ndiwenzile umteto ngoko eniya kukwenza kubo abadala balama‐Juda, kuze kwakiwe lendlu katixo; ukuba makuhle kunikwe kulamadoda inani iya kumelwa lilo, kwimpahla yokumkani, eyomnikelo wapesheya kwomlambo, ukuze angatintelwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiwisa umthetho wento enoyenza kumadoda amakhulu aloo maYuda, ukuba yakhiwe loo ndlu kaThixo; ndithi, loo madoda makanikwe indleko, ebutyebini bukakumkani, erhafini yaphesheya koMlambo, kunyanyekwe, angabanjezelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ndikuwisela umthetho, wenjenje kumadoda amakhulu amaYuda, ukwakha le ndlu kaThixo: nasebutyebini bokumkani, nasesichumeni nganeno koMlambo, indleko zirhole kwangoko kube kanye kula madoda ngoko abangeni endleleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ke ndiwisa umyalelo wokuba loo madoda makhulu akwaJuda akha indlu kaThixo niwenzele ezi zinto: “ ‘Inkcitho yala madoda ekwakheni mayihlawulwe ngokupheleleyo, ithathwe koovimba bakomkhulu, kwiingxowa zerhafu yalapho kwelentshona ye-Efrati, ukuze ungemi umsebenzi.