Ezra 6:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
noko okufunekayo, kwa inkunzana zenkomo, nenkunzi zegusha, nemvana, zibe zezamadini okutshiswa kutixo wezulu, inqolowa, ityuwa, iveyine, neoli, ngengxelo yabaperisite abase‐Yerusaleme, makunikwe kuwo imini ngemini kungenakulityalwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nezinto ezifunekayo, iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, zokuba ngamadini anyukayo kuThixo wamazulu, nengqolowa, netyuwa, newayini, neoli, ngokwelizwi lababingeleli abaseYerusalem, makazinikwe imihla ngemihla, kungaphosiswa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuba yimihla yabo, iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, zamadini anyukayo oThixo wezulu, ingqolowa, netyuwa, newayini, neoli, ngokomyalelo wababingeleli baseYerusalem; ngosuku olunikiweyo ngaphandle kokulibazisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nantoni na efunekayo – iinkunzana zeenkomo, iinkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna okwenzela uThixo wezulu amadini atshiswayo, ngokunjalo nengqolowa, ityuwa, iwayini, namafutha omnquma, ngokwesicelo sababingeleli apho eJerusalem – zonke ezi zinto mabazinikwe yonke imihla kungaphazanywa,