Ezra 7:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam, mna Aretashasheta ukumkani, ndiyanika umteto kubo bonke abagcinindyebo abapesheya kwomlambo, wokuba konke okuya kubizwa kuni ngu‐Ezera umperisite, umba̔li womteto wake utixo wezulu, makwenziwe kona kamsinyane,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo, wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu, makwenziwe ngenyameko,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo, mna, kumkani Artashashta, ndibawisela umthetho bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo, ukuba konke akubizayo uEzra, umbingeleli, owazi ngomthetho kaThixo wamazulu, kukwenze kamsinya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke mna kumkani uAtashasta ndiwisa umyalelo wokuba yonke into efunwa ngumbingeleli uEzra, umchazi-mthetho kaThixo wezulu, ize iqwalaselwe ikhutshwe koovimba bakwelentshona ye-Efrati.