Ezra 7:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Konke okuxelwayo ngutixo wezulu, makwenzelwe indlu katixo wezulu ngokukutala: ngokuba kunganina ukuba kubeko umsindo ngakubo ubukumkani bokumkani nonyana bake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqo; kuba kungani na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngenyameko; kuba kungani na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo?