Ezra 7:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo siyanazisa nina, ukuba, bonke abaperisite naba‐Levi, abaculi, abalindimnyango, aba‐Netini, nabakonzi balendlu katixo, akuvunyelwa ukubeka pezu kwabo umnikelo, n okuqo̔la, nesitabataba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ndithi kuni, akuvumelekile ukuba kuhlawulwe irhafu, nokuba kuthatyathwe, nokuba kuthatyathwe, nokuba kulunge kubabingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabakhonzi bale ndlu kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.