Ezra 7:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, Ezera! ngobulumko botixo wako, obusesandleni sako, misa amagosa nabagwebi, abangagwebayo bonke abantu abapesheya kwomlambo, bonke abayaziyo imiteto katixo wako; nabo bangayaziyo nibafundise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, zikhethele abagwebi nabagwebi abanokugweba bonke abantu abaphesheya koMlambo, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; ufundisa abangaziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke wena, Ezra, ngokobulumko onabo obuphiwe nguThixo wakho, misela oomantyi nabagwebi ukuze bajonge ucwangco kubo bonke abantu abalapho kwelentshona ye-Efrati – bonke abawaziyo umthetho woThixo wakho. Bonke ke abangawaziyo uze ubafundise.