Ezra 7:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nosukuba engayi kwenza ngomteto katixo wako, nangomteto wokumkani, makenzelwe ukugwetywa kamsinyane, nokuba kukokwokufa, nokuba kukokwokugxotwa, nokuba kukokwokuhlauliswa impahla, nokuba kukokwemibambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, malithethwe ityala labo ngenyameko, nokuba baya kubulawa, nokuba baya kugxothwa, nokuba baya kudliwa, nokuba baya kukhonkxwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, maliwise isigwebo phambi kwakhe, nokuba sikukufa, nokuba kugxothwa, nokuba kukuhluthwa impahla, nokuba sekusentolongweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umntu ongawuthobeliyo umthetho woThixo wakho, makohlwaywe ngokubulawa, ukugxothwa, ukuhluthwa izinto anazo, okanye ke avalelwe entolongweni.”