Ezra 7:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
notobeleyo pezu kwam ububele pambi kwokumkani namapakati ake, napambi kwazo zonke inkosi zokumkani ezinamandla! Ndaza ndazomeleza, njengokuba isandla sikayehova, utixo wam, sibe sipezu kwam, ndahlanganisa abazintloko ko‐Sirayeli, ukuba benyuke nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ondithobele inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Mna ndomelezeka ngokwesandla sikaYehova uThixo wam esiphezu kwam; ndazibutha kumaSirayeli iintloko zezindlu zooyise, ukuba zinyuke nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandenzela inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, naphambi kwabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Ndomelela njengoko sasiphezu kwam isandla sikaYehova uThixo wam, ndazihlanganisa izikhulu zakwaSirayeli, ukuba zinyuke nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nothe wandenza ndamkeleka kukumkani nabacebisi bakhe, nawo onke amaphakathi akhe aphambili. Ngenxa yokuba ke sasiphezu kwam isandla sikaNdikhoyo uThixo wam, ndatsho ndomelela ndaqokelela amadoda aphambili kwaSirayeli, sahamba kunye.