Ezra 8:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndabahlanganisela emlanjeni oya e‐Ahava; sazimisa intente kona imihla yamitatu: ndaza ndabona abantu, nabaperisite, kodwa andafumana kona namnye konyana baka‐Levi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndababutha emlanjeni ongena eAhava; sahlala khona iintsuku zantathu; Ndabakhangela abantu nababingeleli, ndafika kungekho namnye woonyana bakaLevi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi.