Ezra 8:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bada bazisa kuti, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wetu sibe sipezu kwetu, indoda eqondayo, eyakubo onyana baka‐Mahali, unyana ka‐Levi, unyana ka‐Sirayeli; no‐Sherebiya, nonyana bake, nabazalwana bake, ishumi elinesibozo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazisa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngesandla esilungileyo sikaThixo wethu esasiphezu kwethu, basizisela indoda enengqiqo evela koonyana bakaMagali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda,