Ezra 8:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabakubo aba‐Netini, abo u‐Davide nenkosi babanika ukukonza aba‐Levi, aba‐Netini abangamakulu mabini anamashumi mabini: bona bonke babalulwa ngamagama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nakubakhonzi betempile, abathe uDavide neenkosana bababeka enkonzweni yabaLevi, abakhonzi betempile abangamakhulu amabini anamashumi amabini; wonke umntu uchazwa ngamagama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.