Ezra 8:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndashumayela inzilo apo, emlanjeni we‐Ahava, ukuba sizibandezele ebusweni botixo wetu, sifune kuye indlela elungele tina, nentsapo zetu, nayo yonke impahla yetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ngakumlambo iAhawa, ndavakalisa umhla wokuzila ukudla, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele indlela yobulungisa, thina noonyana bethu, nobutyebi bethu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako.