Ezra 8:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bendidanele ukucela kukumkani umkosi nabakweli bamahashe, ukuya kusinceda ngakuzo intshaba endleleni; ngokokuba sibe sitshilo kuye ukumkani, sisiti: Isandla sotixo wetu sipezu kwabo bonke abamfunayo kube kokulungileyo; kodwa amandla ake nomsindo wake upezu kwabo bonke abamshiyayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndandineentloni ukucela kukumkani iqela lamajoni nabakhweli-mahashe ukuba basincede silwe neentshaba endleleni, ngenxa yokuba sathetha nokumkani sathi: “Isandla soThixo wethu silungile kubo bonke abo bamfunayo ke amandla akhe nomsindo wakhe uphezu kwabo bonke ababuyayo kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.”