Ezra 8:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangowesine umhla, kwalinganiswa isilivere, negolide, nempahla, endlwini katixo wetu, ngapantsi kwesandla sika‐Meremote unyana ka‐Huriya umperisite, ekunye naye u‐Elezari unyana ka‐Finehasi; kwaye kuko nabo u‐Yozabadi unyana ka‐Yoshuwa, no‐Nohadiya unyana ka‐Binuwi, aba‐Levi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomhla wesine yalinganiselwa isilivere negolide neempahla, endlwini yoThixo wethu, esandleni sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli, enoElazare unyana kaPinehasi, benoYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowadiya unyana kaBhinwi, abaLevi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngosuku lwesine balinganisa ubunzima besilivere, negolide, neempahla zendlu yoThixo wethu, ngesandla sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli; WayenoElazare unyana kaPinehasi; kunye noYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowa unyana kaBhinuwi, abaLevi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi.