Ezra 9:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU kwakugqitywa ezizinto, zasondela kum inkosi, zisiti: Abantu bakwa‐Sirayeli, nabaperisite, naba‐Levi, abazahlulanga kubo abantu balamazwe; bayenza ngazo izinto ezibuntshontsho zabo, ezaba‐Kanane, ama‐Hete, ama‐Perizi, ama‐Yebusi, aba‐Hamoni, ama‐Mowabi, ama‐Jipete, naba‐Amori.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakugqitywa oko, beza kum abathetheli, bathi, Abantu bakwaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, abazahluli kwizizwe zamazwe la; benza ngokwamasikizi azo, awamaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, kwakusenzeka ezo zinto, beza kum izikhulu, bathi, Oonyana bakaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, abazahlulanga kubantu baloo mazwe, kumaKanan, namaHeti, ukuba benze amasikizi abo namaPersi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku emva kwezi zinto iinkokheli zeza kum, zathi: “AmaSirayeli la ndawonye nababingeleli nabaLevi abazahluli kwizizwe ezingabamelwana ngokubhekiselele kunqulo lwazo olungamasikizi olufana nolwamaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaJebhusi, ama-Amon, amaMowabhi, amaJiputa, nama-Amori.