Ezra 9:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
leyo ubuyiyalela ngezicaka zako abaprofite, usiti: Ilizwe, eniya kulo ukulifuya, lilizwe elinco̔lileyo, ngokunco̔la kwabantu bamazwe, ngento ezibuntshontsho zabo, ekungazo balizalisile kwa kwenye incam kwada kwakwenye ngokunco̔la kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwe eniya kulima, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
owawisa umthetho ngawo ngabakhonzi bakho, abaprofeti, wathi, Ilizwe eniya kulidla ilifa lilizwe elingcolileyo, lizele amanqambi abantu baloo mazwe, namasikizi abo, athabathele kwelinye icala ase ekupheleni ngokungcola kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
owasinika ngezicaka zakho *abashumayeli usithi: ‘Lo mhlaba ningena nisiya kuma kuwo udyobhekile kukonakala kwabantu bawo. Ngemikhuba yabo emasikizi bawutsho waphuphuma kukungcola.