Ezra 9:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, intombi zenu ningazendisi konyana babo, nentombi zabo ningazitabateli onyana benu, ningafuni uxolo lwabo nobutamsanqa babo kude kube ngunapakade: ukuze nomelele, nidle ubumnandi belizwe, nilishiye libe lilifa labantwana benu kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu;ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zabo ningazithabatheli koonyana benu, ningalufuni uxolo lwazo nokuba yinzuzo kubo; abantwana ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke nina ze ningazendiseli koonyana babo iintombi zenu, noonyana benu bangazithathi iintombi zabo. Naphantsi kwaziphi na iimeko ningaze niyikhuthaze intlalo nenkqubela yabo, khon' ukuze nomelele nikuxhamle ukulunga kweli lizwe, kananjalo libe lilifa labantwana benu ngonaphakade.’