Ezra 9:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! ulungile wena; ngokuba sisele sisindile, njengokuba kunjalo namhla nje: bona ke, sipambi kwako etyaleni letu; ngokuba singenakuma pambi kwako ngenxa yoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisesindile, njengoko kunjalo namhla; yabona, sisecaleni kwakho ebugwenxeni bethu, ngenxa yoko asinakuma phambi kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, wena Ndikhoyo Thixo kaSirayeli, ulunge kwaphela! Namhlanje thina sinawo amasalela. Nakuba sinobutyala sinjalo, kodwa silapha. Phofu ngenxa yeli tyala lethu akukho namnye kuthi ungemayo phambi kwakho.”