Ezra 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandul’ ukubutela kum bonke abanokungcangcazela ngamazwi katixo wo‐Sirayeli, ngenxa yobumenemene babatinjwa: ndahlala pantsi ndinokuti nqa kwada kwa lixesha lomnikelo wokuhlwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babuthelana kum bonke begubha ngamazwi oThixo kaSirayeli, ngenxa yobubi bomhambi; ndahlala ndimangalisiwe, kwada kwafika umbingelelo wangokuhlwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.