Ezra 9:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku ngexanyana elincinanana ufefe luvele kuyehova, utixo wetu, ukuba sishiyelwe abasindileyo, nokuba sinikwe isikonkwane endaweni yake eyingcwele, ukuze utixo wetu akanyise amehlo etu, asinike impiliso encinane ebukonzini betu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku, ngoku, uYehova uThixo wethu, okwethutyana, uya kusihawukela ngokusishiyela abasindileyo, wasishiyela isikhonkwane engcweleni yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, awaphumze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa ke ngoku okwalo mzuzu, wena Ndikhoyo Thixo wethu, usibabale ngokusishiyela amasalela, wasizinzisa nakule ndawo ingcwele. Ewe, Thixo wethu, usenzele umnyinyiva nebuya-mbo ekuthinjweni.