Galatians 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kaloku nditomalalisa abantu, utixo, kusinina? umhlaumbi ndifuna ukukolisa abantu na? ngokuba abantu ukuba ndibe ndisakolisa bona, ndinge ndingabi ndisisicaka sika‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Kuba, ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.