Galatians 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba benivile ukumila kwam bendifudula ndinako ebujudeni, okokuba ndibe nditshutshisa iṙemente katixo ngento egqitisileyo, ndayici̔ta;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyacinga ukuba senivile ngobomi bam ngokuya ndandingekaguquki ekulandeleni izithethe zonqulo lwamaJuda. Okuya ndandilitshutshisa ngokungenanceba ibandla likaThixo, ndifunzele ukulitshabalalisa.