Galatians 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebesiti, bengekafiki abatile bevela ku‐Yakobi, watya ndawonye nabaheyideni; kodwa bakufika bona, ebehlehla wazahlula, esoyika abo basekwalukeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; bathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlulahlula, esoyika abo bolwaluko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayedla ngokutya kunye namakholwa aziintlanga, ngaphambi kokuba kufike apho iqela lamadoda awayevela kuYakobi. Kodwa kuthe kwakuba kufike la madoda warhoxa uPetros, wazilumla ekutyeni namawethu aziintlanga, ngenxa yokoyika ukugxekwa ngâbo babesithi makwalukwe.