Galatians 2:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti sisazi nje ukuba umntu akagwetyelwa ngemisebenzi yomteto, ugwetyelwa ngalo ukolo luka‐Yesu Kristu kupela, sati tina nati sakolwa ku‐Kristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokolo luka‐Kristu, kungabi ngemisebenzi yomteto; ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ngemisebenzi yomteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
sisazi nje ukuba umntu akagwetyelwa ngokwasemisebenzini yomthetho; kungokukholwa kuYesu Kristu, nathi sakholwa kuYesu Kristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni lukaKrestu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; kuba ngokwasemisebenzini yomthetho akuyi kugwetyelwa nyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa *ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.