Galatians 2:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndikuruseshiwe kunye no‐Kristu: akusendim ke mna obudlayo ubomi, kodwa u‐Kristu uyabudla ubomi kum; nobomi endibudlayo ngoku enyameni, ndiyabudla elukolweni, kolwonyana katixo, owanditandayo, waza wazinikela ngenxa yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ingendim, ke nguKristu oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.