Galatians 2:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kubo abo babebalwa ukuba nokuduma, — into kusukuba bebeyiyo, asi nto enkulu kum; utixo akabuki isiqu samntu, — mna okunene abo babenokuduma abandibonisa luto;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke aba babonakala bayinto, nokuba babefudula benjani, akunamsebenzi kum; uThixo akakhethi buso bamntu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum.