Galatians 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko bati ngelinye icala, nxa babona ukuba ndipatisiwe ivangeli yokungaluki, kwa njengokuba u‐Petrosi epatisiwe e yokwaluka,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa bathi bakubona ukuba ndiphathiswe iindaba ezimnandi zamaJuda, kanye njengoko zaziphathisiwe uPetros iindaba ezimnandi zolwaluko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda.