Galatians 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa kanjalo baluqonda ufefe endanikwa lona, u‐Yakobi, no‐Kefasi, no‐Johane, abebebalwa ukuba zintsika, bazinikela mna no‐Banabasi izandla zokunene zobudlelana; ukuze tina siye kubaheyideni, nabo bona baye kwabanokwaluka:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, baluqonda ubabalo endababalwa ngalo, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane; ukuze thina siye kwiintlanga, bona baye kwabolwaluko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi noPetros noYohane ababesaziwa njengezona ntsika, bayivuma into yokuba uThixo undibizele kulo msebenzi, ngoko ke basibamba isandla sinoBharnabha. Savumelana ke ukuba sisebenzisane; thina sisebenze phakathi kweentlanga, bona ke phakathi kwamaJuda.