Galatians 3:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umteto awuveli elukolweni; koko, Umntu ozenzayo zona uya kupila ngazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wona ke umthetho asingowaselukholweni; uthi, umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wona umthetho asingowaselukholweni; uthi, Umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”