Galatians 3:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Kristu wasikulula esiqalekisweni somteto, ngokwenziwa isiqalekiswa esikundleni setu, (ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uqalekisiwe osukuba exo̔meka emtini,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uKristu wasikhulula, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu, kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”