Galatians 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku amadinga ebetetwa ku‐Abrahame, nakuyo inzalo yake. Akatsho ukuti: Nakuzo inzalo, njengokuba ebeteta ngazo ezininzi; koko njengokuba ebeteta ngayo enye: Nakuyo inzalo yako, enguye u‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe.Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Enziwa ke kuye uAbraham idinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, uthi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke uThixo wênza izithembiso kuAbraham nakumzukulwana wakhe. *IziBhalo azitsho kuAbraham ukuthi “kwinzala yakho,” ngokungathi zithetha ngabantu abaninzi, kodwa zithi “kumzukulwana wakho,” zithetha ngomntu omnye qha, onguKrestu.