Galatians 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nditsho ke oku ukuti, ucebano oluqinisiwe pambili ngutixo, luqinis elwa u‐Kristu, umteto, obubako emveni kweminyaka engamakulu mane anamashumi matatu, awulutshitshisi, ukuba ulitshabalalise idinga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa nditshoyo ke ndithi umnqophiso ogqitywe nguThixo awunakujikwa ngumthetho ofike emva kwamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka ukho umnqophiso, ungenako nokusitshitshisa isithembiso sikaThixo.