Galatians 3:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pofu umteto umela amadinga katixo na? Kwanga kungebe njalo! ngokuba ke, ukuba bekunikiwe umteto onamandla okunika ubomi, okunene ubulungisa bunge buvele emtetweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye!Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, inene, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo.