Galatians 4:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Vuya, ludlolokazi olungazaliyo! gqabuka udanduluke, wena ungenanimba! kuba bebaninzi abantwana balowo oyedwa ngapezu kwabalowo onendoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba *iziBhalo zithi: “Vuya, wena ludlolwazana! Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba! Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.”