Galatians 4:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko siti nina isiba̔lo? Gxota ikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana wekobokakazi engasayi kulidla ilifa ndawonye nonyana womfazi okululekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sithini na ke sona isibhalo? Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke zithini iziBhalo? Zithi: “Sikhuphele ngaphandle isicakazana esilikhoboka kunye nonyana waso; kaloku unyana wesicakazana makangalidli ilifa nonyana womfazi wekhaya.”