Galatians 5:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ninga pati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukusebenzisa inkululeko yokuxhelela inyama; kodwa khonzanani niqhutywa luthando.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.