Galatians 5:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.