Galatians 6:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa makube le kum ukuba ndiqa̔yise, kupela ndiqa̔yise ekuruseni yenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ekungaye ilizwe likuruseshiwe kum, nam ndikuruseshiwe kwilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa mna mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.