Genesis 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti utixo: Umhlaba mauvelise inca, n omfuno unika imbewu, n omti wokuqa̔ma, uhlanza isiqa̔mo ngemmilo yawo, ombewu ipakati kwawo, pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, nemifuno evelisa imbewu, nemithi eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaye kwenzeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubuye wathi umhlaba mawuvelise zonke iintlobo zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezithwala iziqhamo, zonke ngokweendidi zazo. Kwaba njalo ke.