Genesis 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti utixo: Makubeko izikanyiso esibakabakeni sezulu, zize zisenze isahlulo pakati kwemini nobusuku; mazibe zizo ezemiqondiso, nezamaxesha amiselweyo, nezemihla, nezeminyaka:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni, ukuba zahlule imini kubusuku; kwaye makubekho imiqondiso namaxesha nemihla neminyaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.”