Genesis 1:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti utixo: Umhlaba mawuvelise izinto ezinokudliwa kwobomi ngemmilo yazo, inkomo, nento ezinambuzelayo, nezilo zomhlaba, ngemmilo yazo. Kwaye kunjalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaye kwenzeka ngolu hlobo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.