Genesis 1:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti utixo: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Masenze abantu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi, babe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”