Genesis 10:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Hebere kwamzalelwa onyana bababini: igama lomnye lalingu‐Pelege, ngokuba bekusemihleni yake umhlaba wahlulwa; negama lomkuluwe wake lalingu‐Yoketane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHebhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye belinguPelege; ngokuba ngemihla yakhe lahlukana phakathi elimiweyo; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHebhere wazala oonyana ababini. Omnye nguPelege, kuba ngexesha lakhe abantu babahlulelene elizweni, omnye yayinguJoketan.