Genesis 10:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezi ke zizizizalwane zabo onyana baka‐Nowa, ngezizukulwana zabo, ezizweni zabo: kwa ngabo aba zazisahlulwa izizwe pezu kwomhlaba emveni kwawo umsingakazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa, nezizukulwana zabo, neentlanga zabo; zaza zahlukaniswa iintlanga ngoko emhlabeni emva konogumbe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yinzala kaNowa yonke ke le, izizizwe ngezizwe ngokwemilibo yazo. Emva kwemvula kanogumbe zonke izizwe elizweni zavela koonyana bakaNowa.