Genesis 11:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Sala wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Hebere, iminyaka yamakulu mane anamitatu, wazala onyana nentombi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mane anamithathu, wazala oonyana neentombi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kokuzalwa kukaHebhere uSla waphila iminyaka engamakhulu amane anantathu, wazala oonyana neentombi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.