Genesis 11:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Tera watabata u‐Abrame unyana wake, no‐Lote unyana ka‐Harane, unyana wonyana wake, no‐Sarai umolokazana wake, umfazi ka‐Abrame unyana wake, abati bapuma nabo e‐Ure yasema‐Kaledineni, ukuya elizweni le‐Kanane; baza bafika e‐Karane, bahlala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uTera wamthabatha uAbram unyana wakhe, noLote, unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi, umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe; bemka nabo eUre yamaKaledi, baya ezweni lakwaKanan; Bafika kwaHaran, bahlala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho.