Genesis 11:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova: Bona ke, abantu banye, banomlomo mnye bonke kanjalo; kukuqala kwokwenza kwabo oku; kaloku akuko nto eya kunqandeka kubo, abaqingileyo ukuyenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi iNkosi: Yabona, abantu bayinto enye, kwaye bonke bantetho-nye; baqala ke ukwenza, ngoku ke abayi kukhatywa nto abacinga ukuyenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza.